2 Chronicles 6:29 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
konke ukutandaza, konke ukutaṙuzisa, okuya kwenziwa ngumntu otile, umhlaumbi ngabo bonke abantu bako o‐Sirayeli, oko baya kwazi abanye ngabanye isibulawa sabo, nobuhlungu babo, bazolule izandla zabo kulendlu;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuthandaza nokutarhuzisa nokuba kukuphi, okuthe kwenziwa ngubani, nokuba ngabantu bakho bonke amaSirayeli, abathe basazi elowo isibetho sakhe, nesingqala sakhe, bazolulela kule ndlu izandla zabo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nakuphi na ukuthandaza nokuthandaza kuye nawuphi na umntu, nokuba ngabantu bakho bonke amaSirayeli, xa baya kwazi elowo intlungu yakhe nentlungu yakhe, aze azolule izandla zakhe endlwini;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
makuthi xa kukho nawuphi na kubantu bakho othandazayo ekhunga ngokuva iimbandezelo neentlungu, izandla zakhe eziphakamisela kule ndlu,