2 Chronicles 6:30 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wandule wena uve ezulwini, endaweni yokuhlala kwako, uxolele, ubanike abanye ngabanye njengazo zonke indlela zabo, abantliziyo uzaziyo; (ngokuba nguwe wedwa ozaziyo intliziyo zonyana babantu;)
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
yiva ke wena emazulwini, endaweni ohlala kuyo, uxolele, umnike elowo ngokweendlela zakhe zonke, ngokuyazi kwakho intliziyo yakhe (ngokuba nguwe wedwa ozaziyo iintliziyo zoonyana babantu);
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku yiva usemazulwini, kwindawo ohlala kuyo, uxolele yaye ubuyekeze wonk’ ubani ngokweendlela zakhe zonke, ontliziyo ikwaziyo wena; Ngokuba uyazazi iintliziyo zoonyana babantu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wena ke yiva usekhayeni lakho ezulwini. Ewe, xolela, ulowo nalowo umphathe ngokwezenzo zakhe, kuba wena uyayazi intliziyo yakhe. Kaloku nguwe wedwa ozaziyo iintliziyo zabantu.