2 Chronicles 6:33 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wandule wena uve ezulwini, endaweni yokuhlala kwako, wenze ngako konke aya kubiza kuwe ngako owolunye uhlanga lowo; ukuze bonke abantu bomhlaba balazi igama lako, boyike wena, njengabantu bako o‐Sirayeli; bazi kanjalo ukuba igama lako libiziwe pezu kwendlu le endiyakileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
yiva ke wena emazulwini, endaweni ohlala kuyo, wenze ngako konke athe wakunqula owolunye uhlanga, ukuze zonke izizwe zehlabathi zilazi igama lakho, zikoyike njengabantu bakho amaSirayeli, zazi ukuba le ndlu ndiyakhileyo ibizwa ngegama lakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yivani ngoko usemazulwini, apho uhlala khona, wenze njengoko wabiza ngako owasemzini; ukuze zonke iintlanga zehlabathi zilazi igama lakho, zikoyike, njengabantu bakho amaSirayeli, ukuze zazi ukuba lisahlala likhankanywa igama lakho phezu kwale ndlu ndiyakhileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wena ke uve usekhayeni lakho ezulwini, owasemzini lo umenzele konke oko akucelayo kuwe, khon' ukuze zonke izizwe zehlabathi zilazi igama lakho, zikuhlonele kwanjengokuba bekuhlonela abantu bakho amaSirayeli. Ewe, ukuze ziqonde ukuba le ndlu ndiyakhileyo ibizwa ngegama lakho.