2 Chronicles 6:36 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa bonayo ngakuwe, (ngokuba kungeko umntu ongoniyo,) uti wena ubaqumbele, ubanikele ebusweni botshaba, bade abatimbi babo babatimbele elizweni elikude umhlaumbi elikufupi;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa bathe bakona (ngokuba akukho mntu ungoniyo), waba nomsindo, wabanikela elutshabeni, bathi abathimbi babathimba, babasa ezweni nokuba likude, nokuba likufuphi;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba bathe bakona kuwe (ngenxa yokuba kungekho bani ungoniyo), wacaphuka waza wabanikela esandleni seentshaba zabo, babathimba babasa kwilizwe elikude okanye elikufuphi;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xa bathe bakona – kaloku akukho mntu ongoniyo – waza ke wena wakhathazeka wabanikela elutshabeni, luze ke lona lubathimbe lubafuduse, nokuba lubase kwilizwe elikude okanye elikufuphi,