2 Chronicles 6:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuselokwalomhla endapumisayo abantu bam elizweni le‐Jipete, andinyulanga nasinye isixeko kuzo zonke izizwe zo‐Sirayeli, ukuba kwakiwe indlu, lize igama lam libe kona; kanjako andinyulanga nanye indoda ibe yinkosi pezu kwabantu bam o‐Sirayeli:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kususela kwimini endabakhuphayo abantu bam ezweni lamaYiputa, andinyulanga mzi ezizweni zonke zakwaSirayeli wokwakha indlu, yokuba igama lam libe kuyo; andinyulanga ndoda yokuba yinganga yabantu bam amaSirayeli;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukususela kwimini endabakhuphayo ngayo abantu bam ezweni laseYiputa, andinyulanga nasinye isixeko kuzo zonke izizwe zakwaSirayeli ukuze ndimakhele indlu igama lam; kwaye andinyulanga mntu ukuba abe yinganga yabantu bam amaSirayeli;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
‘Ukusukela kwimini endabakhupha ngayo abantu bam eJiputa, andizange ndizikhethele sixeko nakwesiphi na isizwe sakwaSirayeli apho lalinokwakhelwa khona indlu igama lam, kananjalo andizange ndinyule mntu ukuze akhokele abantu bam amaSirayeli.