2 Chronicles 6:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Noko indlu leyo akuyi kuyaka wena; kodwa unyana wako oya kupuma esinqeni sako, nguye oya kuyakela igama lam indlu leyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
noko ke indlu yona ayisayi kwakhiwa nguwe. Unyana wakho ophuma esinqeni sakho, nguye oya kulakhela indlu igama lam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke wena akuwenzi umzi; kodwa unyana wakho uya kuphuma esinqeni sakho, yena uya kulakhela indlu igama lam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Noko ke kambe asinguwe oza kulakhela indlu igama lam, koko yoba ngunyana wakho; nditsho kanye owesinqe sakho – nguye oya kulakhela indlu igama lam.’