2 Chronicles 7:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nangowamashumi mabini anesitatu umhla wenyanga yesixe̔nxe, wabandulula abantu ukuya ezintenteni zabo, bevuya, becwayitile ngentliziyo, ngenxa yokulungileyo abekwenzile uyehova ku‐Davide, naku‐Solomone, nako‐Sirayeli abantu bake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngomhla wamashumi mabini anantathu wenyanga yesixhenxe, wabandulula abantu; baya ezintenteni zabo bevuya, bechwayithile, ngenxa yokulunga awakwenzayo uYehova kuDavide, nakuSolomon, nakumaSirayeli abantu bakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngosuku lwamashumi amabini anesithathu lwenyanga yesixhenxe wathi ebantwini mabahambe baye ezintenteni zabo bevuya yaye benemihlali ezintliziyweni zabo ngenxa yokulunga uYehova awayekwenzile kuDavide noSolomon nabantu bakhe amaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ngosuku lwamashumi amabini anantathu kwinyanga yesixhenxe wawandulula agoduka amaSirayeli onwabile enemihlali ngenxa yezinto ezintle uNdikhoyo awayezenzele uDavide noSolomon kunye nabantu bakhe amaSirayeli.