2 Chronicles 7:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wada u‐Solomone wagqiba indlu kayehova, nendlu yokumkani: nako konke okube kungenile entliziyweni ka‐Solomone, ukuba akwenze endlwini kayehova nasendlwini yake, wakufeza ngokutamsanqelekileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wayigqiba ke uSolomon indlu kaYehova nendlu yokumkani;nento yonke ekwathi qatha entliziyweni kaSolomon ukuba ayenze, endlwini kaYehova nasendlwini yakhe, wayiphumelelisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wayigqiba ke uSolomon indlu kaYehova nendlu yokumkani, yaye yonke into eyathi qatha entliziyweni kaSolomon ukuba ayenze endlwini kaYehova nasendlwini yakhe, wayiphumelelisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uSolomon wathi akuba egqibile ukwakha indlu *kaNdikhoyo kunye nebhotwe lakhe, ekufezile nako konke awayezimisele ukukwenza endlwini kaNdikhoyo nakwelo bhotwe lakhe,