2 Chronicles 7:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nendlu le, epezulu, osukuba edlula ngakuyo woti nqa, ati: Kunganina ukuba wenzile uyehova njengokunjalo kwelilizwe nakulendlu?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nale ndlu, noko iphezulu nje, bomangaliswa bonke abadlulayo kuyo, bathi, Yini na ukuba uYehova enjenje kweli lizwe, nakule ndlu?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Le ndlu ephakamileyo yobamangalisa bonke abadlulayo kuyo; Wathi, Yini na ukuba uYehova enjenje kweli lizwe, nale ndlu?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, ingade ibe ngoku inomtsalane le ndlu, kodwa bonke abadlula kuyo baya kumangaliseka, bathi: ‘Ngani ukuba uNdikhoyo enze into enje kweli lizwe nakule ndlu?’