2 Chronicles 7:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye ukumkani u‐Solomone wabinga umbingo wenkabi ezingamawaka angamashumi mabini anamabini, negusha ezingamawaka alikulu linamashumi mabini. Benje njalo ukutwasisa indlu katixo ukumkani nabo bonke abantu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabingelela ukumkani uSolomon umbingelelo weenkomo ezimawaka amashumi mabini anamabini, nempahla emfutshane engamawaka alikhulu elinamanci mabini. Bayisungula indlu kaThixo ukumkani nabantu bonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabingelela ukumkani uSolomon amashumi amabini anesibini amawaka eenkomo, ikhulu elinamanci amabini lamawaka empalula emfutshane; Bayingcwalisa ke indlu kaThixo ukumkani nabantu bonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani uSolomon wenza idini ngeenkomo ezingamawaka angamashumi amabini anambini, kunye neegusha neebhokhwe ezilikhulu elinamashumi amabini amawaka. Ngaloo ndlela ke ukumkani kunye nabantu bonke bayivula beyinikela indlu kaThixo.