2 Chronicles 7:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bati abaperisite bema ngezigcinelo zabo, naba‐Levi benezinto zokuculisa zikayehova, abezenzile u‐Davide ukumkani, ukuba kubulelwe kuyehova, ngokuba ububele bake bungunapakade, nxa u‐Davide abedumisa ngesandla sabo: baza abaperisite bahlokomisa amaxilongo pambi kwabo, bati bonke o‐Sirayeli bema.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ababingeleli bema ezigxineni zabo; nabaLevi, beneempahla zokuvuma zikaYehova, awazenzayo uDavide ukumkani ukuba kubulelwe kuYehova, ngokuba ingunaphakade inceba yakhe, ekudumiseni kukaDavide ngezandla zabo. Ababingeleli bavuthela amaxilongo phambi kwabo, emi onke amaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ababingeleli babemi ezihlalweni zabo, nabaLevi benezixhobo zikaYehova awazenzayo uKumkani uDavide ukuba badumise uYehova, ngenxa yokuba ububele bakhe bothando bulapho de kwaba lixesha elingenammiselo kaDavide wayidumisa inkonzo yabo; ababingeleli bavuthela ngezigodlo phambi kwabo, ema onke amaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ababingeleli kunye nabaLevi bema ngeendawo zabo, abaLevi bephethe izikhalisi zokudumisa uNdikhoyo, ezo ukumkani uDavide wayezenzele ukuba zikhaliswe xa bebulela besithi: “Izibele zakhe zimi ngonaphakade.” Ababingeleli babekhangelene nabaLevi, bona bekhalisa amaxilongo, amaSirayeli onke emi ngeenyawo.