2 Chronicles 7:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesenza u‐Solomone umtendeleko ngexesha elo imihla yasixe̔nxe, nabo bonke o‐Sirayeli kunye naye, intlanganiso enkulu kunene, ivela kwa sekungenweni kwe‐Hamati kwada kwasemlanjeni wase‐Jipete.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
USolomon wenza ke umthendeleko ngelo xesha iintsuku zasixhenxe enamaSirayeli onke, ibandla elikhulu kunene, elithabathele ekungeneni kweHamati, lesa emlanjeni waseYiputa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngelo xesha uSolomon wenza itheko iintsuku ezisixhenxe, nawo onke amaSirayeli awayekunye naye, njengebandla elikhulu kakhulu, ukususela ekungeneni kweHamati ukusa kuMlambo waseYiputa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngelo thuba ke uSolomon walenza itheko iintsuku zasixhenxe, enamaSirayeli ephela, inyambalala yembizo, abantu abaphuma kwinkalo yeHamati kude kuthi xhaxhe ngomda waseJiputa.