2 Chronicles 8:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku intombi ka‐Faro wayinyusa u‐Solomone esixekweni sika‐Davide iye endlwini abeyakele yona; ngokuba ebesiti: Umfazi wam akayi kuhlala endlwini ka‐Davide ukumkani wo‐Sirayeli, ngokuba zingcwele ezo ndawo ingenileyo kuzo ityeya kayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku uSolomon wayinyusa intombi kaFaro emzini kaDavide, wayisa endlwini abeyakhele; ngokuba ubesithi, Akayi kuhlala umfazi wam endlwini kaDavide, ukumkani wamaSirayeli;ngokuba kungcwele, apho kungene khona ityeya kaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uSolomon wathabatha intombi kaFaro, wayisa emzini kaDavide, wayingenisa endlwini abeyakhele; ngokuba wathi, Akahlalanga umfazi wam endlwini kaDavide, ukumkani wakwaSirayeli; kuba iindawo ezingcwele zobuncwane bukaYehova obuya kufika kuyo zingcwele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uSolomon wamkhupha umkakhe owayeyintombi yokumkani waseJiputa phaya kwisixeko sikaDavide, wamsa kwelo bhotwe wayemakhele lona, kuba wayesithi: “Umfazi wam akanakuhlala kwisixeko sikaDavide ukumkani wakwaSirayeli, kuba ifakwe khona ityesi kaNdikhoyo; ngoko ke siyindawo engcwele.”