2 Chronicles 8:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayemisa, njengesiko lika‐Davide uyise, izahlulo zabaperisite pezu kwenkonzo yabo; naba‐Levi pezu kwezigcinelo zabo, ukuba badumise, bakonze pambi kwabaperisite, ngokubanga kwemihla ngemihla; nabalindimnyango, ngezahlulo zabo, ngesango ngesango: ngokuba ubunjalo umyalelo ka‐Davide indoda katixo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wawamisa ngokwesiko likaDavide uyise amaqela ababingeleli enkonzweni yawo; nabaLevi wabamisela ezigxineni zabo, ukuba badumise, balungiselele phambi kwababingeleli ngokwento yemini ngemini yayo, nabamasango ngokwamaqela abo kwisango ngesango;ngokuba ubunjalo umthetho kaDavide, umfo wakwaThixo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokomyalelo kayise uDavide wamisela amaqela ababingeleli ukuze balungiselele inkonzo yabo, nabaLevi ukuze babe ngabalungiseleli babo ukuze badumise, balungiselele phambi kwababingeleli kwinkonzo yemihla ngemihla inkonzo nasekungeneni kuwo onke amasango, njengoko wamwiselayo umthetho uDavide umfo wakwaThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngokommiselo kayise uDavide naye wazimisa izigaba zababingeleli ngokwemisebenzi yabo, waza ke bona abaLevi wabamisela ukuba babhexeshe iingoma, nokuba basebenzisane nababingeleli ngokweemfuneko zemini nganye. Kananjalo wamisela nabagcini-masango ngokwamasango lawo ahlukeneyo. Kaloku lowo yayingummiselo kaDavide umfo wakwaThixo.