2 Chronicles 9:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza ukumkani u‐Solomone wamnika ukumkanikazi we‐Sheba konke ukutanda kwake, oko wakucelayo, ngapandle kwoko abekuzisile kukumkani. Wada wajika, wahambela kwelake ilizwe, yena nezicaka zake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ukumkani uSolomon wamnika ukumkanikazi waseShebha konke ukuthanda kwakhe awakucelayo; kukodwa khona awakuzisayo kukumkani. Wajika ke waya ezweni lakhe, yena nabakhonzi bakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukumkani uSolomon wanika ukumkanikazi waseShebha konke awayekunqwenela, konke awayekucelile; ngaphandle koko wayekuzisele ukumkani. Wajika waya ezweni lakhe, yena nabakhonzi bakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani uSolomon wanika ukumkanikazi waseShebha konke awayekunqwenela nawayekucela; wamnika nangaphezu kwezinto awayeze nazo kuye. Ke ukumkanikazi lowo ekunye namaphakathi akhe bajika babuyela kwelakowabo.