2 Chronicles 9:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako zonke impahla zokusela zokumkani u‐Solomone zibe zizezegolide, nazo zonke impahla zendlu yehlati le‐Lebanone zibe zizezegolide enqabileyo; bekungeko e zesilivere: ibingabalelwa luto yona emihleni ka‐Solomone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yonke impahla yokusela yokumkani uSolomon yabe iyeyegolide, nempahla yonke yendlu yehlathi laseLebhanon yabe iyeyegolide ethe shinyi; isilivere ibingento yakwanto ngemihla kaSolomon.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zonke iimpahla zokumkani uSolomon zabe zezegolide, nempahla yonke yendlu yehlathi laseLebhanon yabe iyeyegolide ecikizekileyo; kwakungekho nto yayibalwa ngemihla kaSolomon.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yonke impahla yokusela kakumkani uSolomon yayiyeyegolide, kananjalo nayo yonke impahla yebhotwe elalibizwa ngokuba lihlathi laseLebhanon yayiyigolide ecikizekileyo. Kwakungekho nto eyayenziwe ngesiliva, kuba kaloku ngemihla kaSolomon isiliva yayingaxabisekanga.