2 Chronicles 9:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Solomone kanjalo enezitale zamahashe ezingamawaka mane, nenqwelo, namahashe okukwelwa angamawaka alishumi linesibini; owawabeka ezixekweni zenqwelo, nakuye ukumkani e‐Yerusaleme.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
USolomon wayenamawaka amane emikhombe yezitali zamahashe neenqwelo, neshumi elinamabini amawaka amahashe akhwelwayo;wawabeka emizini yeenqwelo, nakukumkani eYerusalem.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uSolomon ubenamawaka amane amahashe neenqwelo zokulwa, namawaka alishumi elinamabini amahashe akhwelwayo; wayibeka emizini yemfazwe, nakukumkani waseYerusalem.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USolomon wayenezitali zamahashe neenqwelo ezingamawaka amane, enamahashe angamawaka alishumi elinambini, awayewagcina kwizixeko zeenqwelo nakwakhe eJerusalem.