2 Chronicles 9:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nokutya kwesitebe sake, nokuhlala kwezicaka zake, nokuma kwabakonzi bake, nezivato zabo, nabancamli bake, nezivato zabo, nesinyukelo sake, owenyuka ngaso ukuya endlwini kayehova, akwabi sabiko umoya kuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
nokudla kwetafile yakhe, neendawo zokuhlala kwabakhonzi bakhe, nokuma kwabalungiseleli bakhe nezambatho zabo, nabangcamli bakhe nezambatho zabo, nezinyuko zakhe abe enyuka ngazo ukuya endlwini kaYehova; akwaba sabakho kuqina kwamxhelo kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
nokudla kwetafile yakhe, nezihlalo zabakhonzi bakhe, nenkonzo yabakhonzi bakhe, neempahla zabo; nabakhonzi bakhe neempahla zabo; nokuma kwakhe ukunyuka kwakhe ukuya endlwini kaYehova; akwaba sabakho kuphefumla kuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
nokutya okusetafileni yakhe, naloo maphakathi akhe, nendlela ahlaliswe ngayo, nezicaka ziwunduzelisa ngeminweba, nabangcamli bevathe ezabo, naloo madini atshiswayo wayewenza endlwini *kaNdikhoyo, wasuka wee khumnqa.