2 Chronicles 9:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Makabongwe uyehova, utixo wako, owakukolelayo, ukuba akubeke pezu kweterone yake, ube ngukumkani ngenxa kayehova, utixo wako! Ngokuba utixo wako ebatandile o‐Sirayeli, ukuba abamise kude kube ngunapakade, kukona akumiseleyo ube ngukumkani pezu kwabo, ukwenza ubugwebo nobulungisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Makabongwe uYehova uThixo wakho, okunoneleyo, wakubeka etroneni yakhe, ukuba ube ngukumkani kuYehova uThixo wakho, ngokuwathanda kukaThixo wakho amaSirayeli, ukuba awamise ngonaphakade; wakumisa waba ngukumkani kuwo, ukuba wenze okusesikweni nobulungisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Makabongwe uYehova uThixo wakho, okunoneleleyo, ukukubeka etroneni yakhe, ube ngukumkani kaYehova uThixo wakho; ngokuba uThixo wakho wawathanda amaSirayeli, ukuba awamise ngonaphakade; wambeka ukumkani wakho phezu kwawo ukuba enze ngokwesiko nangobulungisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Makabongwe uNdikhoyo uThixo wakho, yena ukholisekileyo nguwe waza wakubeka esihlalweni ukuze ulawule esikhundleni sakhe. UThixo wakho uyamthanda uSirayeli, yaye ke ufuna ukumxhasa naphakade, kungoko ke amise wena ukuba ube ngukumkani wamaSirayeli ukuze uzinzise umthetho nobulungisa.”