2 Corinthians 1:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ukuqa̔yisela kwetu kuko oku, kwa ukunqi̔na kwesazeliso setu, okokuba sati kulo ulungelelwano nobunene bukatixo, kwakungekubo ubulumko obubunyama, kwakukulo ufefe lukatixo, sanokuhlala kwetu elizweni, nakakulu ngakumbi ke ngakuni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba oko kuqhayisa kwethu kukungqina kwesazela sethu, ukuba sithe ehlabathini apha, ngokukodwa ke kuni, sahlala singabangenakumbi, sinokungcwengeka okuvela kuThixo, singenabulumko bubobenyama, sinobabalo lukaThixo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba oko kuqhayisa kwethu kukungqina kwesazela sethu, ukuba sithe ehlabathini apha, ngokukodwa ke kuni, sahlala singabangenakumbi, sinokungcwengeka okuvela kuThixo, singenabulumko bubobenyama, sinobabalo lukaThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ibhongo lethu linye ngani: lelokuba asinasazela nganto ngokuziphatha kwethu phakathi kwabantu behlabathi, ingakumbi ke phakathi kwenu. Besinyanisekile, singahanahanisi. Besingenamaqhinga, koko besilawulwa sisisa sikaThixo.