2 Corinthians 1:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku nxa ndibe ndifuna oku, ndaka ndenza ngokuqetuka na? izinto endizicingayo, ndiyazicinga ngokwenyama kusinina, ukuze kubeko kum ukuti ewe ewe, nokuti hai hai?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa ngoko ndandifuna oko, ndandifeketha na kanti? Okanye izinto endizicebayo, ndiziceba ngokwenyama yini na ukuze nje kubekho kum uewe, ewe; nohayi, hayi?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa ngoko ndandifuna oko, ndandifeketha na kanti? Okanye izinto endizicebayo, ndiziceba ngokwenyama yini na ukuze nje kubekho kum nje, ukuba ube nguewe, ewe; nohayi, hayi?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaba ke ndafana ndasijika nje esi sicwangciso? Ngaba xa ndicwangcisayo ndenza nje ngokuzithandela, ndilungele ukuthi ewe okanye hayi ngokuthanda kwam?