2 Corinthians 1:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa nokuba siyabandezelwa, kungenxa yokwenu ukwonwatyiswa nokusindiswa, okusebenzayo ekunyamezeleni intlungu ezikwa zizo esizivayo nati; nokuba siyonwatyiswa, kungenxa yokwenu ukwonwatyiswa nokusindiswa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nokuba na ke siyabandezelwa, oko kwenzelwa ukuthuthuzela nokusindisa nina, ukusindisa ke okusebenzayo ngokunyamezela kwenu kwa-ezo ntlungu sizivayo nathi; nokuba na ke siyathuthuzelwa, oko kwenzelwa ukuthuthuzela nokusindisa nina.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba ke siyabandezelwa, oko kungenxa yentuthuzelo yenu nosindiso lona olusebenzayo, ukuze ninyamezele kwaezo ntlungu sizivayo nathi;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa sukuba thina sisiva ubunzima, loo nto ibangela ukuba nikhuthale, nto leyo iphelela elusindisweni. Naxa sukuba thina sithuthuzelwa, siyancedwa ukuze sikwazi ukunithuthuzela, khon' ukuze nizithwale ngomonde iimbandezelo ezifana nezethu.