2 Corinthians 10:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nizikangela izinto ngokwokubonakala kwazo na? Ukuba umntu uyazitembela ngokwake ukuba ungoka‐Kristu, makati ngokwake kanjako atelekelele oku, ukuba, njengokuba yena lo ungoka‐Kristu, kwa njalo nati singabaka‐Kristu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Izinto nizikhangela ngokwembonakalo na? Ukuba umntu ukholose ngokuthi ungokaKristu, makabuye acinge oku ngokwakhe, ukuba njengokuba engokaKristu yena, ngokunjalo singabakaKristu nathi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Izinto nizikhangela ngokwembonakalo yangaphandle na? Ukuba umntu ukholose ngokuthi ungokaKristu, makabuye acinge oku ngokwakhe, ukuba njengokuba engokaKristu yena, ngokunjalo singabakaKristu thina.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Izinto zijongeni njengokuba zinjalo. Ngaba ukho na apho phakathi kwenu ozimisele ukuba ungokaKrestu yena? Lowo ke makazikise ukucinga, kuba nathi singabakaKrestu kwanjengaye.