2 Corinthians 11:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Asi yinto enkulu ngoko, ukuba abakonzi bake nabo bayazenza ngakumbi babe nesimilo njengabakonzi bobulungisa; abasipelo siya kuba ngokwemisebenzi yabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akunto inkulu ke ngoko, ukuba abalungiseleli bakhe bazimilise okwabalungiseleli bobulungisa; abasiphelo siya kuba ngokwemisebenzi yabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ke akunto inkulu ukuba nabalungiseleli bakhe bazimilise okwabalungiseleli bobulungisa; abasiphelo siya kuba ngokwemisebenzi yabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke yinto elula ukuba izicaka zakhe zizenze zikhangeleke njengezicaka zikaThixo. Kodwa ke baya kuvuna loo nto bayihlwayeleyo.