2 Corinthians 11:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba lowo uzayo ukuba uyashumayela omnye u‐Yesu esingashumayelanga yena, umhlaumbi ukuba niyamkela umoya wumbi eningamkelanga yena, umhlaumbi ivangeli yimbi eningamkelanga yona, beningalungisayo ukunyamezela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba kaloku, xa lowo uzayo avakalisa omnye uYesu, esingamvakalisanga thina, nokuba namkela moya wumbi enaningamkelanga wona, nokuba ziindaba ezilungileyo ezizimbi enaningamkelanga zona, beningaba kambe niyatyapha ukumnyamezela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba kaloku, xa lowo uzayo avakalisa omnye uYesu, esingamvakalisanga thina, nokuba namkela moya wumbi enaningamkelanga wona, nokuba ziindaba ezilungileyo ezizimbi enaningamkelanga zona, beningaba kambe niyatyapha ukumnyamezela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku nithakazelela nabani na oza kuni anishumayeze uKrestu ongomnye, ongenguye lo ndamshumayelayo; nize ninyamazele nabani na oza nomoya ongenguye lo namnikwayo. Namkela neendaba ezinxamnye neendaba ezimnandi enazifumana kuthi.