2 Corinthians 11:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naxeshekweni bendiko kuni, ndaza ndaswela, ndibe ndingengumtwalo kumntu namnye: ngokuba intswelo zam bazenzelela abazalwana bakuvela e‐Masedoniya; ewe ezintweni zonke ndazigcina ndingabi bunzima kuni, ndandiya kuzigcina njalo kanjako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kanjalo xa ndandikho kuni, ndiswele, andibanga mthwalo mntwini; kuba ukuswela kwam bakwenzelela abazalwana, bakuvela kwelaseMakedoni; ndathi ngeendawo zonke ndazigcina, andaba bunzima kuni, ndisaya kuzigcina nangoku.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kanjalo xa ndandikho kuni ndiswele, andibanga mthwalo mntwini; kuba ukuswela kwam bakwenzelela abazalwana, ababevela kwelaseMakedoni; Ndiyazigcina.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngelo xesha ndandinani andizange ndinikhathaze ngakufuna nto kuni xa ndandiswele imali. Amakholwa awayevela eMakedoni andiphathela yonke into endandiyiswele. Njengakwixesha elidlulileyo, koba njalo nakwelizayo: andisoze ndibe ngumthwalo kuni!