2 Corinthians 12:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko ndikoliwe kakuhle ezilwelweni, ezitukweni, ezitukutezini, ezintshutshisweni, ezixingweni, ngenxa ka‐Kristu: ngokuba okuya ndibutataka, kwa oko ndinamandla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kungoko ndikholisiweyo kukuswela amandla, kukuphathwa kakubi, ziingxakeko, ziintshutshiso, ziingxinano, ngenxa kaKristu; kuba xa sukuba ndiswele amandla, kuxa ndinamandla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kungoko ndikholisiweyo kukuswela amandla, kukuphathwa kakubi, ziingxakeko, ziintshutshiso, ziingxinano, ngenxa kaKristu; kuba xa ndibuthathaka, kuxa kanye ndinamandla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndanelisekile ke ngoko nokuba ndibuthathaka, nokuba ndiyagxekwa, nokuba nditsala nzima, nditshutshiswa, ndithwala iimbandezelo ngenxa kaKrestu. Kuba xa ndibuthathaka, kuxa kanye ndinamandla.