2 Corinthians 12:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndiba sisidenge ndiqa̔yisa nje; nina nandinyanzela: ngokuba mna ndinge ndinconyiwe nini: ngokuba bendingancipekile nganye into kubo abobapostile abagqitisileyo ngobukulu, nokuba ndiyinto enganto.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Sendisuke ndaba ngoswele ukuqonda ngokuqhayisa;ndinyanzelwe nini. Kuba mna ndibe ndifanele ukuyalezwa nini;kuba andisilelanga nganto kubapostile abo baziincamisa, nakuba ndingento yanto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndisuke ndaba sisidenge ngokuqhayisa; Nindinyanzelile nina; kuba mna ndibe ndifanele ukuyalezwa nini; kuba andisilelanga nganto kwabona bapostile baziincamisa, nakuba ndingento yanto.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndenze ubudenge ngokuqhayisa, kodwa nini abandibangele obo budenge. Bendifanele ukuba ndinconywe nini; kuba, nokuba andinto na, andikho nganeno kodwa kwabo singa-bathunywa benu!