2 Corinthians 12:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba kuyinto nina enibe niswelekile ngayo ngapezu kwezinye iṙemente, kupela ukuba mna ngokwam ndibe ndingengumtwalo kuni? Ndixoleleni esisono.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba yintoni na enasilela ngayo kwamanye amabandla kaThixo, ingekukuba mna ngokwam ndingabanga mthwalo kuni?Ndixoleleni oko kungalungisi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kaloku yintoni na enasilela ngayo kwamanye amabandla kaThixo, ingekukuba mna ngokwam ndingabanga mthwalo kuni? ndixoleleni ngobugwenxa bam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaba kukho nto iyenye na ndanenzela yona kakubi nina kunamanye amabandla, ngaphandle nje kokuba ndingabanga ngumthwalo kuni? Ndiyaxolisa ke ngelo xanasi!