2 Corinthians 12:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndambongoza u‐Titusi aye kuni, ndaza ndatuma kunye naye umzalwana wetu. Waka wanilumkisa u‐Titusi na? asahamba kokwa mnye umoya na? asa hamba kwekwa minye imikondo na?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndamyala uTito, ndathuma umzalwana lowo kunye naye.Wanidla na ke uTito? Asihambanga moyeni mnye, yini na?Asihambanga mkhondo mnye, yini na?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndamyala uTito, ndathuma umzalwana lowo kunye naye. Wanidla na ke uTito? asihambanga ngamoya mnye na? Asihambanga ngamanyathelo mnye na?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UTito ndamthundeza ukuze anihambele, ekhatshwa ngulaa mwethu ndandimthume kuni. Ningatsho ukuthi uTito waninyusha? Ningathini kaloku nisazi kakuhle nje ukuba yena nam sineenjongo ezinye, siqhuba ngenkqubo enye?