2 Corinthians 12:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ndisoyika, hleze kungati ndakufika, ndifumane nina ningeyinto enditandayo ukuba nibe yiyo, nditi nam ndifunyanwe nini ndiyinto eningatandiyo ukuba ndibe yiyo; hleze kungati kubeko amapike, inzondelano, imisindo, inkani, intlebo, amagqugulo, imvutelano, izipitipiti:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba ndiyoyika, hleze ndithi ndakufika, ndinifumane ningenjengendikuthandayo, nam ndifunyanwe nini ndingenjengenikuthandayo; hleze kubekho iinkani, amakhwele, imisindo, amayelenqe, iintlebendwane, iintsebezo, iinkukhumalo, iziphithiphithi;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba ndiyoyika, hleze ndithi ndakufika, ndinifumane ningenjengendikuthandayo, ndifunyanwe kuni ndingenjengenikuthandayo; hleze kubekho iimbambaniso, amakhwele, imisindo, amayelelwano, intlebendwane, iintsebenzo, ukudumba, iziphithiphithi:
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndinoloyiko lokuba ndifike apho ningeyiyo into endinqwenela ukufika niyiyo, nam ndingeyiyo leyo nindinqwenelela ukuba ndibe yiyo. Ndinoloyiko hleze ndifike kukho iingxabano nomona, imisindo nolunya, izinyeliso neentlebendwane, amayelenqe neziphithi-phithi.