2 Corinthians 12:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ewe ndiyamazi umntu onjalo, (nokuba ebesemzimbeni, nokuba ebengapandle kwomzimba kusinina, andikwazi; utixo uyazi;)
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiyamazi ke umntu onjalo (nokuba ubesemzimbeni na, nokuba ubengekho na emzimbeni, andazi; kwaziwa nguThixo),
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndamazi ke umntu onjalo (nokuba ubesemzimbeni na, nokuba ubengekho na emzimbeni, andazi; kwaziwa nguThixo);
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiyaphinda ndithi loo mfo wathwetyulelwa ezulwini. (Ndiphinde ndithi kwakhona nokokuba yehla ngenene le nto, nokuba yayingumbono nje, andazi; kwazi uThixo kuphela.) Wathwetyulelwa apho akhoyo uThixo. Apho ke weva amazwi angathethekiyo, ekungavumelekanga nokuba athethwe mntu.