2 Corinthians 12:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba xeshekweni ndifuna ukuqa̔yisa, andiyi kuba sisidenge; ngokuba ndiya kuteta inyaniso: kodwa ndiyayeka, kuze kungabiko mntu ondibalelayo ngokupezulu kwoko abonayo ukuba ndikuko, umhlaumbi akuvayo kum.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba xa bendingathi ndithande ukuqhayisa, bendingayi kuba ndiswele ukuqonda, kuba bendiya kuba ndithetha inyaniso; kodwa ndiyayeka, ukuze kungabikho bani ucinga ngam ngaphezu koko abona ndikuko, athi mhlawumbi akuve kum.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba xa bendingathi ndithande ukuqhayisa, bendingayi kuba ndiswele ukuqonda, kuba bendiya kuba ndithetha inyaniso; kuba ndiya kuthetha inyaniso; kodwa ndiyayeka, ukuze kungabikho bani ucinga ngam ngaphezu koko abona ndikuko, athi mhlawumbi akuve kum.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Phofu ukuba bendingafunayo ukuqhayisa bendingayi kuba ndisisidenge, kuba bendiya kuba ndithetha inyaniso. Kodwa ke andizi kuqhayisa, kuba andifuni kubekho mntu undicingela ngaphezu kwaloo nto ndiyiyo ekwenzeni nasekuthetheni.