2 Corinthians 13:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Senditshilo ke, nditsho pambili na lapa, njengokungati bendiko ngokwesibini, kanti ndingeko nje ndiyaba̔la kaloku, kubo abo base bonile, nakubo abanye bonke, ukuti, xeshekweni ndibuya ndifike, andiyi ku ba yeka:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Sendixele kade, ndixela ngenxa engaphambili, njengoko ndandikho okwesibini, nanjengoku ndingekhoyo ngoku, ndibaxelela abo bone kade, nabanye bonke, okokuba xa ndithe ndabuya ndafika, andiyi kubaconga;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Sendinixelele ngenxa engaphambili, njengoko ndandikho okwesibini, ndinixela ngenxa engaphambili, naxa ndingekhoyo ngoku, ndibhalela abo bone ngenxa engaphambili, nabanye bonke, ukuba xa ndithe ndabuya ndeza, andiyi kubaconga;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndibhekisa kwabo babonile ngaphambili, kunye nawuphi na ongomnye. Ndandikhe ndatsho kambe kutyelelo lwam lwesibini, kodwa ndiyaphinda nangoku ndingekhoyo ukuthi: xa ndiphinda ukuza apho, akukho bani uya kusinda ekohlwayweni.