2 Corinthians 13:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku ndiyatandaza kutixo ukuba ningenzi nanye into ekohlakeleyo; kungekukuba tina sibonakale singababukwayo, koko kukuba nina nikwenze oko kufanelekileyo, nakuba besiya kuti tina sibe njengabaliwayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndithandaza ke kuye uThixo, ukuba ningenzi nanye into embi;kungekuko ukuze sibonakale sicikidekile thina, ikukuze nenze into entle nina, ke thina sibe njengabangenakucikideka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku ndiyathandaza kuThixo, ukuba ningenzi nanye into embi; kungekuko ukuze sibonakale sicikidekile thina, ikukuze nenze into entle nina, ke thina sibe njengabangenakucikideka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndithandaza kuThixo ukuba ningoni tu – kungekuko ukubonakalisa impumelelo yam, kodwa kukuze nenze oko kulungileyo, nangona mna ndinga ngathi ndoyisiwe.