2 Corinthians 2:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba singenjengabo abaninzi, siligxengela ilizwi likatixo nje; koko njengabobunene, koko njenga bakatixo, ebusweni bukatixo, sitetayo ku‐Kristu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba asithi, njengabaninzi abo, silingxengelele ilizwi likaThixo; sisuka ngokwabokungcwengeka, sisuka ngokwabakwaThixo, sithethe phambi kwamehlo kaThixo, sikuKristu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kaloku asithi, njengabaninzi abo, silingxengelele ilizwi likaThixo; sisuka ngokwabokungcwengeka, sisuka ngokwabakwaThixo, sithethe phambi kwamehlo kaThixo, sikuKristu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Thina okungenani asihambi sijikeleza sithengisa ngodaba lukaThixo njengoko besenza abaninzi. Thina bamanywe noKrestu sivakalisa udaba sinyanisekile okwezigidimi zikaThixo.