2 Corinthians 2:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo lento ekwa yiyo yona ndayiba̔la kuni, ukuze nditi ndakufika ndingabi nosizi kubo abo bendifanele ukuba nokuvuya ngabo; ndinokutemba kuni nonke nje, ukuba olwam uvuyo lulolwenu nonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndanibhalela ke kwakona oku, ukuze ndakufika ndingabi buhlungu ngabo bendimelwe kukuvuya ngabo; ndikholosile ngani nonke, ukuba uvuyo lwam ikwalolwenu nonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndanibhalela ke oku, ukuze ndakufika ndingabi buhlungu ngabo bendimelwe kukuvuya ngabo; ndikholose ngani nonke, ukuba uvuyo lwam ikwalolwenu nonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Into ke eyandibangela ukuba ndinibhalele laa leta kukuba ndandingathandi ukuviswa intliziyo ebuhlungu kwangabo bantu bamelwe kukundonwabisa. Kaloku ndiqinisekile kukuba nani niyonwaba xa ninonke ukuba mna ndonwabile.