2 Corinthians 3:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko ingqondo zalo zaba lukuni: ngokuba kwada kwanamhla nje eso sona isigubungelo sisiti ekuleseshweni kwocebano oludala sihlale singahlutywanga, into etshatyalaliswayo ku‐Kristu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zesuka noko zaqaqadekiswa iingqiqo zabo; kuba nanamhla sisahleli kwaeso sigqubuthelo ekulesweni kwawo umnqophiso omdala, singabhenqwanga, nto leyo ke ibhangayo kuKristu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zesuka noko zaqaqadekiswa iingqiqo zabo, kuba nanamhla sisahleli kwaeso sigqubuthelo ekulesweni kwawo umnqophiso omdala, singabhenqwanga, isigqubuthelo eso sibhangiswa kuKristu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngenene ingqiqo yawo yayibuthuntu; phofu ke eso sigqubuthelo sisekho kwingqiqo yawo unanamhlanje xa kufundwa iincwadi zomnqophiso omdala. Esi sigqubuthelo siyasuka akuba umntu emanyene noKrestu.