2 Corinthians 3:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
owati kanjalo wasenza silinganele ukuba ngabakonzi bocebano olutsha; bengengabegama, bengabomoya; ngokuba igama libulala, kodwa umoya uyanika ubomi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
osenze nokusenza sakulingana ukuba ngabalungiseleli bomnqophiso omtsha; singabi ngabobhalo nje kodwa, sibe singabomoya; kuba ubhalo luyabulala, umoya ke udlisa ubomi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
osenze nokusenza sakulingana ukuba ngabalungiseleli bomnqophiso omtsha; asingowombhalo lo, singawomoya; kuba ubhalo luyabulala, umoya ke udlisa ubomi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ikwanguye ondenze ndaba nako ukukhonza phantsi komnqophiso omtsha, ongaxhomekekanga kumthetho obhaliweyo, koko uxhomekeke kuMoya. Wona umthetho obhaliweyo uyabulala, kodwa yena uMoya uyaphilisa.