2 Corinthians 4:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa sinawo lowo wona umoya wokolo, njengoko kuba̔liweyo ukuti: Ndakolwa, kungoko ndatetayo; nati siyakolwa, siti ngoko kanjalo sitete;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Sinawo nje ke kwaloo moya wokholo, ngokoko kubhaliweyo kwathiwa, Ndakholwa, kungoko ndathethayo: nathi ke siyakholwa, kungoko sithethayo nokuthetha;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Sinawo nje ke kwaloo moya wokholo, ngokoko kubhaliweyo kwathiwa, Ndakholwa, kungoko ndathethayo; nathi ke siyakholwa, kungoko sithethayo nokuthetha;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*IziBhalo zithi: “Ndathetha kuba ndandithembele kuThixo.” Nathi ke kwangaloo ndlela, sithetha kuba sithembele kuThixo.