2 Corinthians 4:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba izinto zonke zingenxa yenu, ukuze ufefe lwandisiwe nje luti ngabo abaninzi lwenze umbulelo ukolise ukwandela ubungcwalisa bukatixo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba konke oko kungenxa yenu, ukuze luthi ubabalo, lwakuba lwandile ngabona baninzi, luwuphuphumise umbulelo, use ekuzukiseni uThixo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba konke oko kungenxa yenu, ukuze luthi ubabalo, lwakuba lwandile ngabona baninzi, luwuphuphumise umbulelo, use ekuzukiseni uThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, zilungiselelwe nina zonke ezi zinto, ukuze kuthi njengoko bebaninzi abenzelwa isisa, ngokunjalo nemibulelo ibe mininzi, kudunyiswa uThixo.