2 Corinthians 5:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba sifanele tina sonke ukubonakaliswa pambi kwesihlalo sokugweba sika‐Kristu; ukuze bonke ngabanye babuye bamkele izinto ezenziweyo besemzimbeni, ngokwezinto bazenzileyo, nokuba yinto elungileyo, nokuba yinto ekohlakeleyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba thina aba sonke simelwe kukuthi sibonakalaliswe phambi kwesihlalo sokugweba sikaKristu, ukuze elowo azuziswe okwenziwe ngomzimba, ngoko akwenzileyo, nokuba kokulungileyo, nokuba kokubi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba sonke simele sibonakale phambi kwesihlalo sokugweba sikaKristu; ukuze elowo azuziswe okwenziwe ngomzimba, ngoko akwenzileyo, nokuba kokulungileyo, nokuba kokubi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuba sonke kufuneka sivele phambi koKrestu, asivavanye. Umntu ngamnye uya kufumana loo nto imfaneleyo, nokuba yentle, nokuba yembi, ngokwendlela ebeziphethe ngayo kulo mzimba.