2 Corinthians 5:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba singabuyi sizazise kuni, koko sininika ituba lokuqa̔yisela ngenxa yetu, ukuze nibe nalo ngakubo abati baqa̔yise ebusweni, banga qa̔yisi entliziyweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba asibuyi siziyaleze kuni; sininika ithuba lokuzingca ngathi; ukuze nibe nalo ilizwi ngakwabo bazingcayo ngobuso, bengazingci ngantliziyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba asibuyi siziyaleze kuni;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngale ndlela ke asizami kuzithandekisa kuni, nto nje sinenzela indlela yokuba nikwazi ukuba neqhayiya ngathi, ukuze nikwazi ukubaphendula abo baqhayisa ngembonakalo endaweni yokuqhayisa ngesimilo.