2 Corinthians 6:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
netempile katixo inesilungelelano sanina nezitixo? ngokuba nina niyiyo itempile katixo ohleliyo; njengokuba etshilo utixo ukuti: Ndiya kuma kubo, ndihambe pakati kwabo; ndandiya kuba ngutixo wabo, bati bona babe ngabantu kum.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Inakudibana kuni na ke itempile kaThixo nezithixo? Kuba nina niyitempile kaThixo ophilileyo; njengokuba watshoyo uThixo ukuthi, Ndiya kuhlala phakathi kwabo, ndihambe phakathi kwabo;ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam bona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Inakudibana kuni na ke itempile kaThixo nezithixo? Kuba nina niyitempile kaThixo ophilileyo; njengokuba watshoyo uThixo ukuthi, Ndiya kuhlala phakathi kwabo, ndihambe phakathi kwabo; ndibe nguThixo wabo, bona babe ngabantu bam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Inabudlelane buni na indlu kaThixo nezithixo zeentlanga? Kaloku thina siyindlu kaThixo ophilayo! Kutsho uThixo ngokwakhe ukuthi: “Ndiya kulenza kubantu bam ikhaya lam, ndihlale phakathi kwabo, ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam ke bona.”