2 Corinthians 6:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
(Ngokuba esiti: Ngexesha elikolekileyo ndikuvile, nangomhla wosindiso ndikusizile. Nali kaloku ixesha elikolekileyo kakuhle, nangu kaloku umhla wosindiso.)
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kuba uthi, Ndakuva ngexesha elamkelekileyo, Ndakusiza ngomhla wosindiso. Yabonani, lingoku ixesha elamkeleke kakuhle;yabonani, ungoku umhla wosindiso:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba uthi, Ndakuva ngexesha elamkelekileyo, ndakusiza ngomhla wosindiso; yabonani, lingoku ixesha elamkeleke kakuhle; yabonani, ungoku umhla wosindiso:
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku uthi uThixo: “Ndasabela ngomhla okholekileyo, ndakunceda ngomhla wokusindiswa kwakho.” Khangela ke, nguwo lo umhla okholekileyo, yiyo le imini yokusindiswa!