2 Corinthians 7:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba, bona ke, kwa yona lento, yokuba nenziwa lusizi ngo kukatixo, yenza ukuku̔tala okukulu kangakanana kuni! ewe, ukuzitetelela, ewe, ukuqumbela, ewe, ukwoyika, ewe, ukulangazelela, ewe, ukuzondelela, ewe, ukupindezela! Ezintweni zonke nazibonakalisa ukuba nimhlope kulendawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba, yabonani, kwaoko kwenziwa kwenu buhlungu ngokukaThixo, kwanisebenzela ukunyameka okungakanana; nasuka naziphendulela, nasuka nacaphuka, nasuka noyika, nasuka nalangazelela, nasuka nazondelela, nasuka naphindezela!Ngeendawo zonke niziqondakalisile, ukuba kulo mcimbi nimsulwa nina okwenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba, yabonani kwaezo zinto, ukuba nenziwa buhlungu ngokokukaThixo, kwathi ukunyameka okungako kuni, kwanenzondelelo kuni; yimpindezelo enjani! Ezintweni zonke niziqondakalisile, ukuba nimsulwa kulo mcimbi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Khanibone into anenzele yona uThixo ngentlungu yenu: nitsho nanenyameko, nafuna nokuzihlamba ibala lesityholo, nakhathazeka, nanomothuko, nalangazelela nokundibona, natshiseka, nakuqonda nokohlwaya isono. Nibonakalise ngeendlela zonke ukuba aninabala kulo mbandela.