2 Corinthians 7:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngenxa yoku sasisonwatyiswa ekwonwatyisweni kwenu; kanjako sakolisa ukuvuya kakulu ngakumbi pezu kwovuyo luka‐Titusi, kuba umoya wake upunyuziwe nini nonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngenxa yoko, sithuthuzelekile ngenxa yokuthuthuzeleka kwenu; sakuvuyela ke ngokugqithiseleyo ngakumbi ukuvuya kukaTito; ngokuba waphunyuzwayo umoya wakhe nini nonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ke, sithuthuzelekile ngenxa yokuthuthuzeleka kwenu; saza savuya kakhulu ngakumbi ngokuvuya kukaTito; ngokuba waphunyuzwayo umoya wakhe nini nonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Indivuselele kanobom ke loo nto. Andivuselelekanga nje kuphela, koko ndivuyiswa nangakumbi yindlela enanimphethe ngayo uTito xa ninonke, nimenza onwabe.