2 Corinthians 7:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba okunene sakufika e‐Masedoniya, inyama yetu i̔bingenakupumla, koko sibe sibandezelwa ngamacala onke; ngapandle bekuko izilwo, pakati bekuko izoyiko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba sithe sakufika kwelaseMakedoni, ayaba nakuphumla nakanye inyama yethu; sabandezelwa ngeenxa zonke, ngaphandle ikukulwa, ngaphakathi ikukoyika.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba sithe sakufika kwelaseMakedoni, ayaba nakuphumla nakanye inyama yethu; sabandezelwa ngeenxa zonke; ngaphandle ikukulwa, ngaphakathi kukoyika.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Andizange ndaba nakuphumla konke-konke, naxa sendifikile eMakedoni. Kwakuziingxabano apho, ngapha nangapha; ndabe ke mna ndinxunguphele.