2 Corinthians 7:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kaloku ndiyavuya, kungekukuba nenziwa lusizi, koko ukuba nenziwa lusizi lwada lwaba luguquko: ngokuba nenziwa lusizi ngo kukatixo, ukuze ningalahlekelwa nto ngati.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngoku ke ndiyavuya, ndingavuyeli kuba neenziwa buhlungu, ndivuyela ukuba nenziwa buhlungu ngokwasinga enguqukweni; kuba nenziwa buhlungu ngokokukaThixo, ukuze ningalahlekwa nto ngathi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoku ke ndiyavuya, ndingavuyeli kuba neenziwa buhlungu, ndivuyela ukuba nenziwa buhlungu ngokwasinga enguqukweni;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ndiyavuya ngoku – phofu ingekuko kuba ndanivisa ubuhlungu, koko ikukuba intlungu yenu yanibangela inguquko. Intlungu yenu ibe yinto esuke yasetyenziswa nguThixo; ngoko ke andinenzakalisanga.