2 Corinthians 8:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
sada samyala u‐Titusi, ukuba makati, njengokuba ebesel’ eqalile, abe kwa njalo efeza pakati kwenu nofefe olu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ngokokude simyale uTito, ukuze athi, njengokuba ebeqalile, alufezele kuni ngokunjalo nolo lubabalo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ngokokude simyale uTito, ukuba athi, njengokuba ebeqalile, alufezele kuni ngokunjalo nolo lubabalo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke ndimcelile uTito, yena wawuqalayo lo msebenzi, ukuba awuqhube anincedise nide nilifeze eli phulo lomsebenzi wothando.